33. Ukuba bendilugubungela ukreqo lwam, njengoAdam,Ngokuqhusheka ubugwenxa bam esifubeni sam,
34. Ngakuba bendingcangcazela phambi kwengxokolo eninzi,Ndaqhiphuka umbilini kukudelwa yimizalwane,Ndathi cwaka, andaphuma emnyango —
35. Andaba bendinondiphulaphulayo!Nangu umqondiso wam, uSomandla makandiphendule;Nantsi incwadi ayibhalileyo obambene nam.
36. Inene, ndoyithwala ngesixhanti nam,Ndoyithi jize kum njengesithsaba.