Uyobhi 31:19-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ukuba ndibe ndimbona otshabalalayo engenanto yokwambatha,Ihlwempu lingenanto yokuzigubungela;

20. Ukuba abengàndisikeleli amanqe akhe,Àkazifudumeza ngoboya beemvana zam;

21. Ukuba bendilingisile ngesandla sam kwinkedama,Ngokuba bendiboné uncedo lwam esangweni:

22. Igxalaba lam maliwe esixhantini salo,Nomkhono wam waphuke ethanjeni lawo.

23. Bekuya kuba kum ukunkwantya, ukusindeka nguThixo,Ndikhohlwe phambi kokuphakama kwakhe.

24. Ukuba bendenze igolide inqolonci yam,Ndathi kwecikizekileyo, Nkoloseko yam;

25. Ukuba bendikuvuyela ukuba buninzi kobutyebi bam,Nokufumana kakhulu kwesandla sam;

26. Ukuba bendilibona ilanga likhupha imitha,Nenyanga ihamba indilekile,

27. Yahendeka ngasese intliziyo yam,Ndasangela ngomlomo wam isandla sam:

28. Nako oko ngekuba bubugwenxa phambi kwabagwebi;Kuba ngendiba ndimkhanyele uThixo waphezulu.

29. Ukuba ndibe ndivuyela ilishwa londithiyayo,Ndaxhumela ukuba efunyenwe bububi

30. (Ke andilivumelanga ikhuhlangubo lam, ukuba lone,Ndiwùcele ngentshwabulo umphefumlo wakhe);

31. Ukuba babengàtsho abantu bentente yam, ukuthi,Angaba ngubani na ongahluthanga yinyama yakhe?

32. Ubengalali phandle umphambukeli,Iingcango zam bendizivulela endleleni;

33. Ukuba bendilugubungela ukreqo lwam, njengoAdam,Ngokuqhusheka ubugwenxa bam esifubeni sam,

34. Ngakuba bendingcangcazela phambi kwengxokolo eninzi,Ndaqhiphuka umbilini kukudelwa yimizalwane,Ndathi cwaka, andaphuma emnyango —

35. Andaba bendinondiphulaphulayo!Nangu umqondiso wam, uSomandla makandiphendule;Nantsi incwadi ayibhalileyo obambene nam.

Uyobhi 31