Uyobhi 31:19-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ukuba ndibe ndimbona otshabalalayo engenanto yokwambatha,Ihlwempu lingenanto yokuzigubungela;

20. Ukuba abengàndisikeleli amanqe akhe,Àkazifudumeza ngoboya beemvana zam;

21. Ukuba bendilingisile ngesandla sam kwinkedama,Ngokuba bendiboné uncedo lwam esangweni:

22. Igxalaba lam maliwe esixhantini salo,Nomkhono wam waphuke ethanjeni lawo.

23. Bekuya kuba kum ukunkwantya, ukusindeka nguThixo,Ndikhohlwe phambi kokuphakama kwakhe.

24. Ukuba bendenze igolide inqolonci yam,Ndathi kwecikizekileyo, Nkoloseko yam;

25. Ukuba bendikuvuyela ukuba buninzi kobutyebi bam,Nokufumana kakhulu kwesandla sam;

26. Ukuba bendilibona ilanga likhupha imitha,Nenyanga ihamba indilekile,

27. Yahendeka ngasese intliziyo yam,Ndasangela ngomlomo wam isandla sam:

Uyobhi 31