Uyobhi 30:7-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Babhomboloza phakathi kwamatyholo,Bafumbalala phantsi kwamarhawu,

8. Bengoonyana bezidenge kwanoonyana babangenagama,Ababethwa bemke ezweni.

9. Kungoku ndiyingoma yabo.Ndaba kukukhuluma kwabo.

10. Ndilisikizi kubo, bakude nam;Abawanqandi amathe ebusweni bam.

11. Kuba úlucombulule uthàmbo lwam, wandicinezela,Bawuyeka umkhala phambi kwam.

Uyobhi 30