Uyobhi 30:5-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Bayagxothwa phakathi kwabantu;Bahlatyelwa umkhosi ngathi ngamasela;

6. Bahlale ezihlanjeni ezingcangcazelisayo,Emingxunyeni yomhlaba nasemaweni.

7. Babhomboloza phakathi kwamatyholo,Bafumbalala phantsi kwamarhawu,

8. Bengoonyana bezidenge kwanoonyana babangenagama,Ababethwa bemke ezweni.

9. Kungoku ndiyingoma yabo.Ndaba kukukhuluma kwabo.

Uyobhi 30