Uyobhi 30:3-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Bathe ngokuswela nokulamba banqina,Abo banqabi bomqwebedu,Bobumnyama bentshabalala yakwantshabalala;

4. Abo baqhawula imbuwa ematyholweni,Abasonka siyingcambu yonwele.

5. Bayagxothwa phakathi kwabantu;Bahlatyelwa umkhosi ngathi ngamasela;

6. Bahlale ezihlanjeni ezingcangcazelisayo,Emingxunyeni yomhlaba nasemaweni.

7. Babhomboloza phakathi kwamatyholo,Bafumbalala phantsi kwamarhawu,

8. Bengoonyana bezidenge kwanoonyana babangenagama,Ababethwa bemke ezweni.

9. Kungoku ndiyingoma yabo.Ndaba kukukhuluma kwabo.

10. Ndilisikizi kubo, bakude nam;Abawanqandi amathe ebusweni bam.

11. Kuba úlucombulule uthàmbo lwam, wandicinezela,Bawuyeka umkhala phambi kwam.

Uyobhi 30