3. Bathe ngokuswela nokulamba banqina,Abo banqabi bomqwebedu,Bobumnyama bentshabalala yakwantshabalala;
4. Abo baqhawula imbuwa ematyholweni,Abasonka siyingcambu yonwele.
5. Bayagxothwa phakathi kwabantu;Bahlatyelwa umkhosi ngathi ngamasela;
6. Bahlale ezihlanjeni ezingcangcazelisayo,Emingxunyeni yomhlaba nasemaweni.
7. Babhomboloza phakathi kwamatyholo,Bafumbalala phantsi kwamarhawu,
8. Bengoonyana bezidenge kwanoonyana babangenagama,Ababethwa bemke ezweni.
9. Kungoku ndiyingoma yabo.Ndaba kukukhuluma kwabo.
10. Ndilisikizi kubo, bakude nam;Abawanqandi amathe ebusweni bam.
11. Kuba úlucombulule uthàmbo lwam, wandicinezela,Bawuyeka umkhala phambi kwam.