2. Wasusela uYobhi, wathi,
3. Mayidake imini endazalwa ngayo,Nobusuku ekwathiwa, Kukhawulwé indoda.
4. Loo mini mayibe bubumnyama,Angayinyamekeli uThixo phezulu,Kungayibengezeli ukukhanya.
5. Mayikhululwe ngentlawulelo bubumnyama nethunzi lokufa,Makulale amafu phezu kwayo;Mayidandathekiswe kokungcolisa imini.
6. Obo busuku — masibubambe isithokothoko;Mabungavuyi phakathi kwemihla yomnyaka;Mabungangeni enanini leenyanga.
7. Yabona, obo busuku mabube ludlolo;Makungezi kumemelela kubo.
8. Mababuqalekise abaqalekisi bemihla,Abaxhobele ukuxhokonxa ileviyatan.*