1. Emveni koko uYobhi wawuvula umlomo wakhe, wayiqalekisa imini yakhe.
2. Wasusela uYobhi, wathi,
3. Mayidake imini endazalwa ngayo,Nobusuku ekwathiwa, Kukhawulwé indoda.
4. Loo mini mayibe bubumnyama,Angayinyamekeli uThixo phezulu,Kungayibengezeli ukukhanya.