Uyobhi 28:19-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ayinakulingana nabo itopazi* yakwaKushi;Abumelwa yigolide ecikizekileyo, ecocekileyo.

20. Ubulumko buvela phi na ke,Yiyiphi na indawo yengqondo?

21. Bufihlakele emehlweni eento zonke eziphilileyo;Busithakele nasezintakeni zasezulwini.

22. Inzonzobila nokufa kuthi,Sibuvile ukubuva ngendlebe.

23. NguThixo oyiqondayo indlela yabo,Nguye oyaziyo indawo yabo.

24. Kuba yena ubheka eziphelweni zehlabathi,Ubona phantsi kwamazulu onke;

25. Ngokuwenzela umoya ubunzima bawo,Namanzi awalinganise ngomlinganiso;

26. Ekuyenzeleni kwakhe imvula ummiselo,Nombane wendudumo indlela:

27. Waza wabubona, wabubala;Wabumisa, wabugocagoca nokubugocagoca;

28. Wathi emntwini: Yabona, ukoyika iNkosi, bubulumko obo,Nokutyeka ebubini kuyingqondo.

Uyobhi 28