Uyobhi 27:9-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Wókuva na uThixo ukuhlahlamba kwayo,Xa ifikelwe yimbandezelo?

10. Khona inokuziyolisa na ngoSomandla?Ingamnqula na uThixo ngamaxesha onke?

11. Ndiya kuniyala ngokusingisele esandleni sikaThixo;OkunoSomandla andiyi kukukhanyela.

12. Yabonani, nonke niphela ngokwenu nikubonile;Yini na ke ukuba nithethe into engento yakonto?

13. Siso esi isabelo somntu ongendawo kuThixo,Nelifa labaziingqwangangqwili, abalamkelàyo kuSomandla.

14. Ukuba bathe banda oonyana bakhe, bandiselwa ikrele;Nabaphume embilinini wakhe àbahluthi kukutya.

15. Amaqongqolo akhe aya kungcwatywa kukufa,Abahlolokazi bakhe bangalili.

16. Ukuba úthe wafumba isilivere njengothuli,Wazilungisela izambatho njengodaka:

17. Angázilungisa, koko ziya kwambathwa lilungisa,Nesilivere leyo babelane ngayo abamsulwa.

18. Uyakha indlu yakhe njengenundu,Njengephempe elenziwe yimboniseli.

19. Ulala phantsi esisityebi, akaphindi;Uvula amehlo akhe, angabikho.

Uyobhi 27