Uyobhi 26:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waphendula uYobhi, wathi,

2. Ùtheni na wena ukumnceda ongenamandla,Nokuyisindisa ingalo engenamandla?

3. Utheni na ukumcebisa ongenabulumko,Ukumazisa kunene into eyiyo?

4. Uxelele bani na ukuthetha?Kukuphefumla kukabani na okuphume kuwe?

5. Abangasekhoyo bayazibhijabhijaNgaphantsi kwamanzi, nabemi bawo.

Uyobhi 26