Uyobhi 25:3-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Inokubalwa na imikhosi yakhe?Ngubani na ongàphunyelwayo kukukhanya kwakhe?

4. Angáthini na umntu ukuba lilungisa kuThixo?Angáthini na ukuba ngoqaqambileyo ozelwe ngumfazi?

5. Yabona, nenyanga ayimhlophe,Neenkwenkwezi aziqaqambile, emehlweni akhe.

6. Ubeké phi na ke umntu, impethu le,Nonyana ka-Adam, umbungu lo?

Uyobhi 25