13. Ke yena umi ndaweninye, ngubani na ongambuyisayo?Umphefumlo wakhe ukhanukile, úya kwenza oko.
14. Kuba uya kukufeza oko ndikumiselweyo;Zininzi ke izinto ezinje kuye.
15. Ngenxa yoko ndikhwankqiswe ebusweni bakhe.Ndakukugqala, ndisuka ndinkwantye nguye.
16. UThixo uyiqobisile intliziyo yam.USomandla undikhwankqisile.