10. Kuba úyayazi indlela enam;Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide.
11. Unyawo lwam lubambé umkhondo wakhe,Ndayigcina indlela yakhe, andathi gu bucala.
12. Emthethweni wemilebe yomlomo wakhe andisukanga;Ndiwabekile amazwi omlomo wakhe kunowam ummiselo.
13. Ke yena umi ndaweninye, ngubani na ongambuyisayo?Umphefumlo wakhe ukhanukile, úya kwenza oko.
14. Kuba uya kukufeza oko ndikumiselweyo;Zininzi ke izinto ezinje kuye.