Uyobhi 23:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waphendula uYobhi, wathi,

2. Nanamhlanje inkalazo yam ineenkani,Isandla sam sinzima phezu kokugcuma kwam.

3. Yoo! Andaba bendisazi apho ndingamfumana khona,Ndize esihlalweni sakhe!

4. Bendiya kulicacisa phambi kwakhe ityala lam,Ndiwuzalise umlomo wam ngeziganeko.

5. Andaba bendikwazi ukuthetha abeya kundiphendula ngako,Ndiyiqonde into abeya kuyithetha kum.

6. Wóbambana nam ngamandla amakhulu na?Hayi! Kodwa ke wóndigqala.

Uyobhi 23