Uyobhi 22:23-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Ukuba ùthe wabuyela kuSomandla, ùya kwakhiwa.Ukuba uthe wabubeka kude ubugqwetha ezintenteni zakho,

24. Walibeka eluthulini ilitye legolide,Wayibeka eluhlalwini lwemilanjana neyakwaOfire:

25. USomandla woba lilitye legolide kuwe,Nesilivere ebengezelayo kakhulu.

26. Ngokuba ùya kwandula ukuziyolisa ngoSomandla,Ubuphakamisele kuThixo ubuso bakho.

27. Wòthandaza kuye, eve,Uzizalise izibhambathiso zakho;

28. Usongele into, ifezeke kuwe;Ezindleleni zakho kukhanye, kube mhlophe.

29. Xa zithe zehla, wòthi, Phezulu!Amsindise omehlo aqondele phantsi.

30. Úya kusindisa nongemsulwa,Asizwe bubunyulu bezandla zakho.

Uyobhi 22