9. Izindlu zabo zinoxolo, kungekho kunkwantya,Nentonga kaThixo ayibafikeli.
10. Inkunzi yabo iyazeka ingahlohleli;Imazi yabo iyazala ingaphunzi.
11. Bayawakhuphela njengomhlambi amakhwenkwe abo,Nabantwana babo bayadloba.
12. Baphakamisa ilizwi benengqongqo nohadi,Bavuye lilizwi logwali.
13. Bayayigqiba imihla yabo ngokuchwayitha,Behle ngephanyazo ukuya kwelabafileyo.