31. Ngubani na ongaxela ebusweni bakhe indlela yakhe?Enzé into yena, ngubani na oya kuphindezela kuye?
32. Usiwa emangcwabeni yena,Alinde esigangeni.
33. Anencasa kuye amagada esihlambo;Emva kwakhe kulandela lonke uluntu,Nangaphambi kwakhe belungenakubalwa.
34. Ningáthini na ke ukundithuthuzela ngeento ezingento,Iimpendulo zenu zisele zibubumenemene nje?