Uyobhi 20:9-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Iliso elikhe lambona, aliyi kuphinda;Indawo yakhe ayisayi kumalama.

10. Abantwana bakhe baya kungxengxezela abasweleyo,Izandla zakhe zibuyise imfuyo yakhe.

11. Amathambo akhe ebezele bubutsha;Bolaliswa phantsi naye eluthulini.

12. Nokuba ububi bebunencasa emlonyeni wakhe,Wabugusha phantsi kolwimi lwakhe,

13. Wabuconga akabuyeka,Wabuthintela ekhuhlangubeni lakhe;

14. Isonka sakhe sibhuqukile emathunjini akhe,Yinyongo yamaphimpi embilinini wakhe.

15. Úginye ubutyebi, wabuhlanza;Úyabukhupha esiswini sakhe uThixo.

16. Wómungunya ubuhlungu bamaphimpi,Lumbulale ulwimi lwenyushu.

17. Akayi kubona mijelo,Milambo, zihlambo zobusi namasi.

18. Ebuyisa awakuxelengayo, akakuginyi;Angavuyi ngangobutyebi aburhwebileyo.

19. Kuba wabathi viki, wabalahla, abasweleyo;Waxhakamfula indlu, angayakhanga.

20. Kuba engalwazanga uxolo esiswini sakhe,Akayi kusinda nezinto zakhe ezinqwenelekayo.

21. Bekungekho nto isindayo emqaleni wakhe;Ngenxa yoku, aziyi kuhlala izinto zakhe ezilungileyo.

22. Ekuzalisekeni kokumaneleyo ubandezelekile,Izandla zonke zabangento ziyamfikela.

Uyobhi 20