5. Ukuba ukumemelela kwabangendawo kufutshane,Ukuvuya kweentshembenxa kokwephanyazo?
6. Nokuba kuthe kwenyuka kwaya ezulwini ukuphakama kwakhe,Intloko yakhe wayifikisa emafini:
7. Njengelindle lakhe uya kudaka kuphele,Abambonayo bathi, Úphi na?
8. Úya kuphaphazela emke njengephupha, angafunyanwa,Aphekuzwe njengombono wobusuku.
9. Iliso elikhe lambona, aliyi kuphinda;Indawo yakhe ayisayi kumalama.
10. Abantwana bakhe baya kungxengxezela abasweleyo,Izandla zakhe zibuyise imfuyo yakhe.
11. Amathambo akhe ebezele bubutsha;Bolaliswa phantsi naye eluthulini.
12. Nokuba ububi bebunencasa emlonyeni wakhe,Wabugusha phantsi kolwimi lwakhe,
13. Wabuconga akabuyeka,Wabuthintela ekhuhlangubeni lakhe;
14. Isonka sakhe sibhuqukile emathunjini akhe,Yinyongo yamaphimpi embilinini wakhe.
15. Úginye ubutyebi, wabuhlanza;Úyabukhupha esiswini sakhe uThixo.
16. Wómungunya ubuhlungu bamaphimpi,Lumbulale ulwimi lwenyushu.
17. Akayi kubona mijelo,Milambo, zihlambo zobusi namasi.
18. Ebuyisa awakuxelengayo, akakuginyi;Angavuyi ngangobutyebi aburhwebileyo.
19. Kuba wabathi viki, wabalahla, abasweleyo;Waxhakamfula indlu, angayakhanga.
20. Kuba engalwazanga uxolo esiswini sakhe,Akayi kusinda nezinto zakhe ezinqwenelekayo.
21. Bekungekho nto isindayo emqaleni wakhe;Ngenxa yoku, aziyi kuhlala izinto zakhe ezilungileyo.
22. Ekuzalisekeni kokumaneleyo ubandezelekile,Izandla zonke zabangento ziyamfikela.
23. Kothi, ukuze sizaliswe isisu sakhe, UThixo athumele kuye ukuvutha komsindo wakhe,Awunise phezu kwakhe enyameni yakhe.