3. Ukuthethisa okundihlazayo ndiyakuva,Ke umoya uyandiphendula engqondweni yam.
4. Oku ùyakwazi na kambe kwanini,Kususela koko lwabekwayo uluntu ehlabathini:
5. Ukuba ukumemelela kwabangendawo kufutshane,Ukuvuya kweentshembenxa kokwephanyazo?
6. Nokuba kuthe kwenyuka kwaya ezulwini ukuphakama kwakhe,Intloko yakhe wayifikisa emafini:
7. Njengelindle lakhe uya kudaka kuphele,Abambonayo bathi, Úphi na?
8. Úya kuphaphazela emke njengephupha, angafunyanwa,Aphekuzwe njengombono wobusuku.