Uyobhi 20:13-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Wabuconga akabuyeka,Wabuthintela ekhuhlangubeni lakhe;

14. Isonka sakhe sibhuqukile emathunjini akhe,Yinyongo yamaphimpi embilinini wakhe.

15. Úginye ubutyebi, wabuhlanza;Úyabukhupha esiswini sakhe uThixo.

16. Wómungunya ubuhlungu bamaphimpi,Lumbulale ulwimi lwenyushu.

17. Akayi kubona mijelo,Milambo, zihlambo zobusi namasi.

18. Ebuyisa awakuxelengayo, akakuginyi;Angavuyi ngangobutyebi aburhwebileyo.

19. Kuba wabathi viki, wabalahla, abasweleyo;Waxhakamfula indlu, angayakhanga.

20. Kuba engalwazanga uxolo esiswini sakhe,Akayi kusinda nezinto zakhe ezinqwenelekayo.

Uyobhi 20