9. Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho?
10. Mlahle uThixo, ufe. Wathi yena kuye, Uthetha njengesidengekazi. Siya kwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na?Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe.
11. Ke kaloku izihlobo ezithathu zikaYobhi zabuva bonke obo bubi bumfikeleyo, zeza, saeso sivela endaweni yaso: uElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama. Banqophisana ukuba beze, bamkhuze, bamthuthuzele.