2. Kunini na nisenza isingqala kumphefumlo wam,Nindityumza ngokuthetha?
3. Ezi zihlandlo zilishumi nindihlazile;Ànidanile, niyandikhwankqisa.
4. Khona ke ndithe okunene ndalahleka,Kuhleli nam ukulahleka kwam.
5. Ukuba okunene nithe nazikhulisa kum,Nandohlwaya ngengcikivo yam:
6. Yazini ngoko, ukuba nguThixo ondigobileyo,Wandirhawula ngomnatha wakhe.
7. Yabona, ndiyakhala, ndithi, Ndagonyamelwa! kungasatyelwa;Ndiyazibika, kungabikho kulungisa.
8. Úyibiyile indlela yam, akwabakho ukugqitha;Ezingqushwini zam wamisa ubumnyama.
9. Úndihlube uzuko lwam,Wasusa isithsaba sentloko yam.
10. Úndidilizile ngeenxa zonke, ndemka;Walincothula njengomthi ithemba lam.
11. Úwuvuthise ngakum umsindo wakhe,Wandibalela ekuthini ndingowababandezeli bakhe.
12. Zeza kunye izimpi zakhe,Zandifumbela indlela yazo,Zayizunguleza ngeenxa zonke intente yam.