Uyobhi 19:16-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ndibiza umkhonzi wam, angasabeli;Ndimbongoze ngomlomo wam.

17. Umoya wam umkruqule umkam;Ndiyanuka kubantwana besizalo esandizalayo.

18. Namakhwenkwe ayandicekisa;Ndakusuka, asuka athethe ngam.

19. Ndilisikizi kumakholwane am,Nabendibathanda bandiguqukele.

20. Amathambo am atshele elùswini lwam nasenyameni yam;Ndisindé macebetshu.

Uyobhi 19