Uyobhi 18:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Noko nokukhanya oku kongendawo kuya kucinywa,Lingabi mhlophe ilangatye lomlilo wakhe.

6. Ukukhanya kuya kwenziwa mnyama ententeni yakhe,Nesibane sakhe sicinywe phezu kwakhe.

7. Ukunyantsula kwakhe kuya kuxinwa,Limphose phantsi kwaelakhe iqhinga.

8. Kuba uqhutyelwe emnatheni ziinyawo zakhe,Uhamba phezu kwesibatha.

9. Umgibe umbambisa ngesithende,Limbambise isango.

10. Lufihliwe emhlabeni ulutya lwakhe,Ukuthiwa hlasi kwakhe kusengqushwini.

11. Uyadandathekiswa ngeenxa zonke kukukhwankqisa,Kumbhebhethe, kuthane mbende naye.

12. Amandla akhe aya kuphela kukulamba,Ukusindeka kulungiselwe ukujingxela kwakhe.

Uyobhi 18