10. Lufihliwe emhlabeni ulutya lwakhe,Ukuthiwa hlasi kwakhe kusengqushwini.
11. Uyadandathekiswa ngeenxa zonke kukukhwankqisa,Kumbhebhethe, kuthane mbende naye.
12. Amandla akhe aya kuphela kukulamba,Ukusindeka kulungiselwe ukujingxela kwakhe.
13. Kudla iziqendu zolùsu lwakhe;Udla iziqendu zakhe owamazibulo wokufa.
14. Iyancothuka ententeni yakhe inkoloseko yakhe,Ahanjiselwe kukumkani wokukhwankqisa.
15. Kuhleli ententeni yakhe izinto zasemzini;Kugcwayelwa isulfure ekhayeni lakhe.
16. Ngaphantsi ziya koma iingcambu zakhe,Ngaphezulu abune amasebe akhe.
17. Isikhumbuzo sakhe siya kudaka ehlabathini,Angabi nagama nasemaphandleni.
18. Baya kumtyhala ekukhanyeni, aye ebumnyameni,Aphekuzwe kwelimiweyo.
19. Akayi kuba nanyana nanzala ebantwini bakowabo,Kungabikho usindileyo emizini yakhe.
20. Bomangaliswa yimini yakhe abahleli entshonalanga,Nabasempumalanga babanjwe kukuba namanwele.