Uyobhi 17:2-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Inene ndiyinto abadlala ngayo,Neliso lam lilibéle ziinkani zabo.

3. Khawubeke into, undimele;Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?

4. Ngokuba intliziyo yabo ùyifihlele ukuqiqa;Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa.

5. Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba,Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe.

6. Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni;Ndaba ngotshicelwa ebusweni.

7. Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka;Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela.

8. Bamangaliswa abathe tye yile nto;Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa.

9. Ke olilungisa ubambe indlela yakhe,Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha.

Uyobhi 17