Uyobhi 15:13-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Le nto ukuguqulela kuThixo ukufutha kwakho,Ukhuphe ukuthetha emlonyeni wakho?

14. Uyintoni na umntu, ukuba aqaqambe?Abe lilungisa ozelwe ngumfazi?

15. Yabona, nabangcwele bakhe àkakholwa ngabo,Nezulu àliqaqambile emehlweni akhe.

16. Úbeke phi na olisikizi, oyimbozisa;Umntu lo, usela ubugqwetha njengamanzi?

17. Ndokuxelela, ndiphulaphule;Endikubonileyo ndikubalisele;

18. Okwaxelwa zizilumko,Kuvela kooyise, zaza azakufihla.

19. Lanikwa zona zodwa ilizwe,Akwangena wasemzini phakathi kwazo.

20. Yonke imihla yakhe, ongendawo uyazibhijabhija;Inani leminyaka liqwetyelwe ingqwangangqwili.

21. Kumi ilizwi lokunkwantyisa ezindlebeni zakhe,Eluxolweni úyamfikela umbhuqi.

22. Akakholwa ukuba uya kubuya emnyameni;Ke yena uqwetyelwe ikrele.

23. Uphalaphalela ukutya, esithi, Kuphi na?Úyazi ukuba ulungiselwe imini yobumnyama ecaleni kwakhe.

24. Udandathekiswa yimbandezelo nayingcutheko;Ithi gaga phezu kwakhe, njengokumkani olungiselwe isiphendu sokulwa.

25. Ngokuba esolulele kuThixo isandla sakhe,Wazenza igorha kuSomandla:

26. Wamgila, eyolule intamo,Ngamaqhubu angqingqwa eengweletshetshe zakhe;

27. Ngokuba egubungele ubuso bakhe ngamanqatha akhe,Watyeba wanamanqatha emihlubulweni yakhe.

28. Wema imizi engamanxuwa,Nezindlu ezingezakuhlalwa,Ezamiselwa ukuba zibe yimiwewe.

29. Akayi kuba sisityebi, abuyi kuma ubutyebi bakhe;Inzuzo yakhe ayiyi kunaba emhlabeni.

30. Akayi kusinda ebumnyameni;Igatya lakhe liya komiswa ngedangatye;Emke ngokufutha komlomo wakhe.

Uyobhi 15