Uyobhi 13:7-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. UThixo niya kumthethelela ngobugqwetha na,Nimthethelele ngenkohliso na?

8. Niya kumnonelela na,Niphikele uThixo na?

9. Kólunga na xa athe wanigocagoca?Ninokumgculela na, njengokuba enokugculelwa umntu?

10. Wonohlwaya inene,Ukuba nithe ngasese nanonelela umntu.

11. Ubungangamela bakhe abuyi kunidandathekisa na,Kuniwele ukunkwantyisa kwakhe?

12. Izikhumbuzo zenu yimizekeliso yothuthu;Iingqolo zenu zoba ziingqolo zodaka.

13. Yithini tu! Ndiyekeni, ukuze ndithethe,Kundihléle okundihlelayo.

14. Kungani na ukuba ndiyiphathe inyama yam ngamenyo am,Umphefumlo wam ndiwubeke ezandleni zam?

15. Yabona, nokuba úthe wandibulala, ndolindela kuye;Kodwa ndozihlamba iindlela zam ebusweni bakhe.

16. Kwaoko koba lusindiso kum:Okuba intshembenxa ingayi kuza ebusweni bakhe.

17. Yivani, nikuve ukuthetha kwam,Nengxelo yam, ngeendlebe zenu.

18. Khanibone, ndilicacisile ityala lam;Ndiyazi ukuba ndiya kugwetyelwa mna.

19. Ngubani na ke ongabambana nam?Kuba bendiya kuthi tu kaloku, ndiphume umphefumlo.

20. Kodwa izinto ezimbini musa ukuzenza kum,Ndize ndingazisithelisi ebusweni bakho:

21. Isandla sakho síse kude kum,Nesothuso sakho singandidandathekisi.

22. Biza ke, ndisabele mna;Mhlawumbi ndithethe, undiphendule.

23. Zingaphi na izenzo ezigwenxa, nezono zam?Ndázise isikreqo sam, nesono sam.

Uyobhi 13