Uyobhi 13:4-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Kodwa ke nina ningabadyobha ngobuxoki,Ningamagqirha angento nonke niphela.

5. Anaba benithe tu kanye;Nibe niya kuba nilumkile.

6. Khaniphulaphule ke ukuzihlamba kwam,Ukuphika komlomo wam nikubazele indlebe.

7. UThixo niya kumthethelela ngobugqwetha na,Nimthethelele ngenkohliso na?

8. Niya kumnonelela na,Niphikele uThixo na?

Uyobhi 13