13. Yithini tu! Ndiyekeni, ukuze ndithethe,Kundihléle okundihlelayo.
14. Kungani na ukuba ndiyiphathe inyama yam ngamenyo am,Umphefumlo wam ndiwubeke ezandleni zam?
15. Yabona, nokuba úthe wandibulala, ndolindela kuye;Kodwa ndozihlamba iindlela zam ebusweni bakhe.
16. Kwaoko koba lusindiso kum:Okuba intshembenxa ingayi kuza ebusweni bakhe.
17. Yivani, nikuve ukuthetha kwam,Nengxelo yam, ngeendlebe zenu.
18. Khanibone, ndilicacisile ityala lam;Ndiyazi ukuba ndiya kugwetyelwa mna.
19. Ngubani na ke ongabambana nam?Kuba bendiya kuthi tu kaloku, ndiphume umphefumlo.
20. Kodwa izinto ezimbini musa ukuzenza kum,Ndize ndingazisithelisi ebusweni bakho:
21. Isandla sakho síse kude kum,Nesothuso sakho singandidandathekisi.