Uyobhi 13:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wonohlwaya inene,Ukuba nithe ngasese nanonelela umntu.

11. Ubungangamela bakhe abuyi kunidandathekisa na,Kuniwele ukunkwantyisa kwakhe?

12. Izikhumbuzo zenu yimizekeliso yothuthu;Iingqolo zenu zoba ziingqolo zodaka.

13. Yithini tu! Ndiyekeni, ukuze ndithethe,Kundihléle okundihlelayo.

14. Kungani na ukuba ndiyiphathe inyama yam ngamenyo am,Umphefumlo wam ndiwubeke ezandleni zam?

15. Yabona, nokuba Ășthe wandibulala, ndolindela kuye;Kodwa ndozihlamba iindlela zam ebusweni bakhe.

16. Kwaoko koba lusindiso kum:Okuba intshembenxa ingayi kuza ebusweni bakhe.

17. Yivani, nikuve ukuthetha kwam,Nengxelo yam, ngeendlebe zenu.

Uyobhi 13