1. Yabona, konke oko likubonile iliso lam,Yakúva indlebe yam, yakúqonda.
2. Njengoko nazi ngako, ndiyazi nam;Andiwi nganeno kwenu.
3. Kodwa mna ndinga ndingathetha kuSomandla,Ndifuna ukuzihlamba kuThixo.
4. Kodwa ke nina ningabadyobha ngobuxoki,Ningamagqirha angento nonke niphela.
5. Anaba benithe tu kanye;Nibe niya kuba nilumkile.
6. Khaniphulaphule ke ukuzihlamba kwam,Ukuphika komlomo wam nikubazele indlebe.
7. UThixo niya kumthethelela ngobugqwetha na,Nimthethelele ngenkohliso na?
8. Niya kumnonelela na,Niphikele uThixo na?