Uyobhi 12:2-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Kambe, níni abantu;Buya kufa nani ubulumko.

3. Nam ke ndinentliziyo njengani;Andiwi nganeno kwenu.Ngubani na ongazaziyo izinto ezinjalo?

4. Ndiyintlekisa kummelwane mna,Endibe ndingonqula uThixo, andiphendule;Úyintlekisa olilungisa, ogqibeleleyo.

5. Onelishwa yinto yokudelwa ngokwamabhongo abonwabileyo;Kulungiselwe abanyawo zikhubekayo.

6. Kukho ukuchulumacha ezintenteni zababhuqi;Bakholosile abamqumbisayo uThixo,Abafumbatha uThixo esandleni sabo.

Uyobhi 12