11. Indlebe ayiyi kukucikida na ukuthetha,Nekhuhlangubo likuve ukudla?
12. Emaxhegweni kusebulumkweni,Ebudeni bemihla kusengqondweni.
13. Bukuye ubulumko nobugorha,Lelakhe icebo nengqondo.
14. Yabona, úgungxula, kungàkhiwa.Uyamvalela umntu, kungàvulwa,
15. Yabona, úyawavala amanzi, atshe;Uyawavulela, aliphethule ilizwe.