12. Nomntu onjengesidenge angaba nokuqonda,Nethole le-esile lasendle lingaba nokuzalwa lingumntu.
13. Ukuba uthe wena wabhekisa intliziyo yakho kuye,Wazolulela izandla zakho kuye:
14. Ukuba kuthe kwakho inkohlakalo esandleni sakho, yise kude,Ungabuhlalisi ubugqwetha ezintenteni zakho;
15. Okunene, ùya kwandula ukubuphakamisa ubuso bakho bungenasisihla,Uthi bhuxe, ungoyiki.
16. Kuba wòkulibala ukwaphuka kwakho,Ukukhumbule njengamanzi adluleyo;
17. Ukudla kwakho ubomi kuvuke, kuqaqambe ngaphezu kwemini enkulu;Nakuba kusongelwe emnyameni, kokhanya njengokusa.
18. Wòkholosa, ngokuba sekukho ithemba,Uhlole, ulale phantsi enkolosekweni;
19. Ubuthume, kungekho wothusayo,Bakuncekelele abaninzi.
20. Ke wona amehlo abangendawo ophelelwa;Idake kubo indawo yokusabela,Ithemba labo libe kukuphuma umphefumlo.