Uyobhi 11:11-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kuba yena uyabazi abantu abakhohlakeleyo,Uyabubona ubutshinga engaqondelanga.

12. Nomntu onjengesidenge angaba nokuqonda,Nethole le-esile lasendle lingaba nokuzalwa lingumntu.

13. Ukuba uthe wena wabhekisa intliziyo yakho kuye,Wazolulela izandla zakho kuye:

14. Ukuba kuthe kwakho inkohlakalo esandleni sakho, yise kude,Ungabuhlalisi ubugqwetha ezintenteni zakho;

15. Okunene, ùya kwandula ukubuphakamisa ubuso bakho bungenasisihla,Uthi bhuxe, ungoyiki.

Uyobhi 11