15. Ukuba ndithe ndaba ngongendawo, athi ke mna!Ukuba ndithe ndaba lilungisa, ndingàyiphakamisi intloko yam:Ndihlúthi kukucukucezwa,Nakukubona iintsizi zam.
16. Nokuba ithe yaziphakamisa intloko yam, wòndizingela njengengonyama,Úbuye wenze ngokubalulekileyo kum;
17. Úhlaziye amangqina akho phambi kwam;Úyandise ingqumbo yakho kum,Ibe kukukhululana kwemikhosi eza kum.
18. Ibiyini na ke ukuba undikhuphe esizalweni?Ngendaphuma umphefumlo, andabonwa liso,
19. Ndanga andibangakho,Ngendasuswa esizalweni, ndasiwa engcwabeni.