10. Akundithululanga na njengamasi,Wandivuthisa njengengqaka?
11. Wandambesa ngolùsu nenyama,Wandiphingela ngamathambo nemisipha.
12. Ùndenzele ubomi nenceba,Nokuvelela kwakho kwawugcina umoya wam.
13. Ezi zinto ke wazigusha entliziyweni yakho;Ndiyazi ukuba ubunale ndawo yokuthi:
14. Ukuba ndithe ndona, wòndibamba undilinde,Ungandenzi msulwa ebugwenxeni bam.
15. Ukuba ndithe ndaba ngongendawo, athi ke mna!Ukuba ndithe ndaba lilungisa, ndingàyiphakamisi intloko yam:Ndihlúthi kukucukucezwa,Nakukubona iintsizi zam.
16. Nokuba ithe yaziphakamisa intloko yam, wòndizingela njengengonyama,Úbuye wenze ngokubalulekileyo kum;
17. Úhlaziye amangqina akho phambi kwam;Úyandise ingqumbo yakho kum,Ibe kukukhululana kwemikhosi eza kum.
18. Ibiyini na ke ukuba undikhuphe esizalweni?Ngendaphuma umphefumlo, andabonwa liso,
19. Ndanga andibangakho,Ngendasuswa esizalweni, ndasiwa engcwabeni.