Uyeremiya 6:18-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Ngako oko yivani, zintlanga; wazi, wena bandla, okubahlelayo.

19. Yiva, hlabathi; yabona, aba bantu ndibazisela ububi, isiqhamo seengcinga zabo; ngokuba amazwi am abawabazelanga ndlebe, nomyalelo wam bawucekisile.

20. Yeyani na ke le ntlaka imhlophe yakwaShebha iza kum, nekalamo* evumba limnandi yasezweni elikude? Amadini enu anyukayo akakholekile kum, nemibingelelo yenu ayimnandi kum.

21. Ngako oko utshilo uYehova ukuthi, Yabona, ndibabekela izikhubekiso aba bantu, bakhubèke kuzo ooyise noonyana, ummelwane kunye nowabo, batshabalale.

Uyeremiya 6