12. Ziya kugqithela kubambi izindlu zabo, amasimi nabafazi kunye; ngokuba isandla sam ndisolula phezu kwabemi belizwe; utsho uYehova.
13. Kuthabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bonke bephela babawa bebawile; kuthabathela kumprofeti kwesa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki.
14. Bákuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo.
15. Baya kudaniswa, ngokuba benzé amasikizi; noko ke àbadani nokudana, àbakwazi ukuba neentloni; ngako oko baya kuwa phakathi kwabawàyo; ngexesha lokubavelela kwam baya kukhubeka; utsho uYehova.