Uyeremiya 50:32-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Wókhubeka okhukhumeleyo, awe, kungabikho umvusayo; ndiphèmbe umlilo emizini yakhe, utshe ngeenxa zonke kuye.

33. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Babecudiswa oonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda kunye; bonke ababathimbáyo bayagcinisa ukubabamba, àbavumi ukubandulula.

34. UMkhululi wabo obamiselayo womelele, ugama lakhe linguYehova wemikhosi; uya kubambana abambane nobambana nabo, ukuze aliphumze ihlabathi, agungqise abemi baseBhabheli.

35. Ikrele maliwafikele amaKaledi, nabemi baseBhabheli, nabathetheli bayo, nezilumko zayo; utsho uYehova.

36. Ikrele malibafikele abaphololozi bento engeyiyo, babe zizimathane; ikrele maliwafikele amagorha, aqhiphuke umbilini.

37. Ikrele maliwafikele amahashe ayo, neenqwelo zayo zokulwa, nomxukuxela wonke ophakathi kwayo, babe ngabafazi; ikrele malibufikele ubuncwane bayo, ukuba buphangwe.

38. Ukubálela makuwafikele amanzi ayo, ukuba atshe.Ngokuba lilizwe lemifanekiso eqingqiweyo; bazigezisé ngezinto ezothusayo.

39. Ngako oko kuya kuhlala khona amarhamncwa omqwebedu neempungutye, kuhlale iinciniba khona, lingabi samiwa naphakade, lingabi sahlalwa izizukulwana ngezizukulwana.

40. Njengoko wayibhukuqayo uThixo iSodom neGomora, nemimelwane yayo, utsho uYehova, akuyi kuhlala bani khona, akuyi kuphambukela nyana womntu khona.

41. Yabonani, kuza abantu, bevela entla, uhlanga ke olukhulu; nookumkani abaninzi bayaxhoxhwa, bevela eziphelweni zehlabathi.

42. Baphethe isaphetha nenkcula, bazizijorha, àbanamfesane; ilizwi labo liguguma njengolwandle, bakhwéle emahasheni, bekuxhobele njengendoda yokulwa, ntombi iyiBhabheli.

43. Úvé iindaba zabo ukumkani waseBhabheli, zasuka zawa izandla zakhe; imbandezelo imbambile, uyazibhijabhija njengozalayo.

Uyeremiya 50