Uyeremiya 46:2-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. ElingeYiputa, ngokusingisele kwimpi kaFaro-neko ukumkani weYiputa, ebisemlanjeni ongumEfrati, eKarkemishe, awayixabelayo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wesiné kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lalisithi:

3. Lungisani ingweletshetshe nekhaka, yiyani kulwa.

4. Bophani amahashe ezinqwelweni zokulwa, khwelani nina bamahashe; zimiseni ninezigcina-ntloko, khazimlisani izikhali, ninxibe iingubo zentsimbi.

5. Yini? ndibona ntoni? Baqhiphuka umbilini, babuya umva; amagorha abo aqotyiwe; basaba intsabo kanye, bangabi saphethula; kukunxunguphala ngeenxa zonke; utsho uYehova.

6. Makangasabi onamendu, lingasindi igorha; ngasentla, ngasemlanjeni ongumEfrati, bakhubeké bawa.

7. Ngubani na lo unyuka njengoMnayile, umanzi azamazama njengemilambo?

8. IYiputa iyenyuka njengoMnayile, amanzi ayo ayazamazama njengemilambo. Ithi, Ndiya kunyuka, ndiya kuwugubungela umhlaba; ndiya kuyitshabalalisa imizi nabemi bayo.

9. Qakathani, mahashe; nidlongozele, zinqwelo zokulwa. Makaphume amagorha, amaKushi namaPuti aphethé ingweletshetshe, namaLudi, aphethe atyedé isaphetha.

10. Le mini yeyeNkosi, uYehova wemikhosi; yimini yempindezelo, yokuphindezela kubabandezeli bakhe; lidle lihluthe ikrele, lisele lidikwe ligazi labo; ngokuba inombingelelo iNkosi, uYehova wemikhosi, ezweni lasentla, emlanjeni ongumEfrati.

Uyeremiya 46