1. Into eyafikayo kuYeremiya umprofeti, ililizwi likaYehova ngokusingisele kwiintlanga.
2. ElingeYiputa, ngokusingisele kwimpi kaFaro-neko ukumkani weYiputa, ebisemlanjeni ongumEfrati, eKarkemishe, awayixabelayo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wesiné kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lalisithi:
3. Lungisani ingweletshetshe nekhaka, yiyani kulwa.
4. Bophani amahashe ezinqwelweni zokulwa, khwelani nina bamahashe; zimiseni ninezigcina-ntloko, khazimlisani izikhali, ninxibe iingubo zentsimbi.
5. Yini? ndibona ntoni? Baqhiphuka umbilini, babuya umva; amagorha abo aqotyiwe; basaba intsabo kanye, bangabi saphethula; kukunxunguphala ngeenxa zonke; utsho uYehova.
18-19. Ndihleli nje, utsho ukumkani, ogama lakhe linguYehova wemikhosi, ukuthi, Inene, úya kuza énjengeTabhore phakathi kweentaba, énjengeKarmele ngaselwandle. Zénzele iimpahla zemfuduka, mmi, ntombi iyiYiputa; ngokuba iNofu iya kuba linxuwa, itshiswe, ingabi nammi.