3. Ngokuba uYehova wongeza isingqala kumvandedwa wam; ndidiniwe kukuncwina kwam, andifumani kuphumla.
4. Yithi ke kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, into endiyakhileyo ndiyayigungxula, into endiyityeleyo ndiyayinyothula; lihlabathi lonke ke elo.
5. Wena uzifunela izinto ezinkulu; musa ukuzifuna. Ngokuba, uyabona, ndiyizisela ububi inyama yonke, utsho uYehova; ke ndikunika umphefumlo wakho ube lixhoba lakho, ezindaweni zonke oya kuya kuzo.