19. Izibilini zam, izibilini zam! Ndiyazibhijabhija iingontsi zentliziyo yam! Iyaxokozela intliziyo yam, andinakuthi tu! Kuba ùsivile isandi sesigodlo, mphefumlo wam, ukuhlatywa komkhosi wemfazwe.
20. Kumenyezwa intshabalalo kantshabalalo, ngokuba libhuqiwe lonke ilizwe; zibhuqiwe ngesiquphe iintente zam; ngephanyazo, amalengalenga am.
21. Kunini na ndibona ibhanile,* ndisiva isandi sesigodlo?
22. Kuba bamathile abantu bam, mna àbandazi; ngoonyana abazizidenge, àbanangqondo bona; banobulumko bokwenza ububi, ukulungisa àbakwazi.
23. Ndakhangela emhlabeni, nanko kusenyanyeni, lilubala; nasezulwini, akwabakho kukhanya kulo.
24. Ndakhangela ezintabeni, nanzo zinyikima, neenduli zonke zididizela.
25. Ndakhangela, nanko ke kungekho mntu, neentaka zonke zezulu zibalekile.
26. Ndakhangela, nantso iKarmele* iyintlango, yonke imizi yayo idilikile phambi koYehova, phambi kokuvutha komsindo wakhe.