1. Ukuba ùthe wabuya, Sirayeli, utsho uYehova, wabuyela kum; wawasusa amazothe akho phambi kwam, àkwaphalaphala;
2. wafunga wathi, Ehleli nje uYehova, ngokwenyaniso, ngokusesikweni, nangobulungisa; zózisikelela ngaye iintlanga, ziqhayise ngaye.
3. Ngokuba uthi uYehova kumadoda akwaYuda nakwiYerusalem, Zikhubeleleni intsinde, ningahlwayeli emithaneni enameva.