15. Ke kaloku, kwaye kufike ilizwi likaYehova kuYeremiya, akuba evalelwe entendelezweni yabalindi, lisithi,
16. Yiya uthi kuEbhedi-meleki umKushi, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, amazwi am ndiwazisela ububi kulo mzi, andiwaziseli okulungileyo; aya kwenzeka phambi kwakho ngaloo mhla.
17. Ke ndokuhlangula ngaloo mhla, utsho uYehova, ungànikelwa esandleni samadoda onxungupheleyo ngawo.
18. Ngokuba, inene, ndiya kukuzisa, ungawi likrele; úya kuba lixhoba kuwe umphefumlo wakho, ngokuba ukholose ngam; utsho uYehova.