Uyeremiya 38:19-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ukumkani uZedekiya wathi kuYeremiya, Ndinesithukuthezi ngamaYuda aphambele kumaKaledi, hleze andinikele esandleni sawo, afekethe ngam.

20. Wathi uYeremiya, Akayi kukunikela. Khawuliphulaphule izwi likaYehova, ngokoko ndilithethileyo kuwe; kolunga kuwe, uphile uphefumlo wakho.

21. Ke ukuba uthe akwavuma ukuphuma, nali ilizwi andibonise lona uYehova, lokuthi,

22. Yabona, bonke abafazi abaseleyo endlwini yokumkani wakwaYuda, baya kukhutshwa basiwe kubathetheli bokumkani waseBhabheli, bathi abafazi abo, Amadoda axolelene nawe akuxhokonxile, akweyisile; zitshonile nje emgxobhozweni iinyawo zakho, wona abuya umva.

23. Ke bonke abafazi bakho noonyana bakho baya kukhutshwa, basiwe kumaKaledi, ungasindi wena esandleni sawo; ke wena uya kubanjwa sisandla sokumkani waseBhabheli, utshisise lo mzi ngomlilo.

24. UZedekiya wathi kuYeremiya, La mazwi makangàziwa mntu, ukuze ungafi.

25. Xa ke bathe beva abathetheli ukuba ndithethe nawe, beza kuwe, bathi kuwe, Khawusixelele oko ukuthethileyo kukumkani; musa ukukufihla kuthi, asiyi kukubulala; kwanakuthethileyo ukumkani kuwe:

26. wóthi kubo, Ndiwisé utarhuziso lwam phambi kokumkani, ukuba angandibuyiseli endlwini kaYonatan, ndifele khona.

27. Beza kuYeremiya bonke abathetheli, bambuza; wabaxelela ngokwaloo mazwi onke abewise umthetho ngawo ukumkani. Bathi tu, bemka kuye; ngokuba ayivakalanga le nto.

28. Wahlala uYeremiya entendelezweni yabalindi, kwada kwangumhla eyathinjwa ngawo iYerusalem.

Uyeremiya 38